1 Samuel 31:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo wabuba u‐Saule, nonyana bake bobatatu, nomtwali wezixo̔bo zake, nawo onke amadoda ake, ngalomini kwa kunye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wafa ke uSawule, noonyana bakhe bobathathu, nomphathi weentonga zakhe, namadoda akhe onke ngaloo mini, ndaweni-nye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wafa ke uSawule noonyana bakhe abathathu, nomphathi weentonga zakhe, namadoda akhe onke ngamini-nye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwaba njalo ke ukufa kukaSawule, noonyana bakhe bobathathu, kunye naloo mfana owayemphathela izikhali. Kwawa onke amadoda omkhosi kaSawule ngaloo mhla.