1 Samuel 31:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ati akubona amadoda akwa‐Sirayeli abenganeno kwomhlambo, nabenganeno kwe‐Yoredane, ukuba amadoda akwa‐Sirayeli esabile, nokuba u‐Saule nonyana bake bafile, andula ashiya izixeko, esaba; ati ama‐Filistiya eza ahlala kuzo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abona amadoda akwaSirayeli, abengaphesheya kwentili, nabengaphesheya kweYordan, ukuba asabile amadoda akwaSirayeli, ufile uSawule noonyana bakhe. Ayishiya imizi leyo, asaba; eza amaFilisti, ahlala kuyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abona amadoda akwaSirayeli abengaphesheya kwentlambo, nabengaphesheya kweYordan, ukuba asabile amadoda akwaSirayeli, ufile uSawule noonyana bakhe, aphuma kuloo mizi, asaba; namaFilisti aya kwakha kuyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaSirayeli angaphesheya kwentili nangaphesheya kweJordan athi akubona ukuba umkhosi wakwaSirayeli uswantsulisiwe, nokuba uSawule kunye noonyana bakhe bawile, ashiya iidolophu zawo, abhaca. Afika amaFilistiya, ahlala kwezo dolophu zawo.