1 Samuel 4:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Laye ilizwi lika‐Samyali leza kubo bonke o‐Sirayeli. KEKALOKU o‐Sirayeli bapumela ngakuwo ama‐Filistiya kuliwe, baya bati waca ngase‐Ebenezere; kanjalo ama‐Filistiya ati waca e‐Afeki.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ilizwi likaSamuweli laya kumaSirayeli onke. Aphuma amaSirayeli, eya kuwahlangabeza amaFilisti alwe nawo; amisa iintente ngase-Ebhenezere, amaFilisti amisa eAfeki.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ilizwi likaSamuweli lafika kumaSirayeli onke. Aphuma amaSirayeli, aya kulwa namaFilisti, amisa iintente e-Ebhenezere yaye amaFilisti ayingqinga iAfeki.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ilizwi likaSamweli lafikelela kumaSirayeli onke. Aphuma amaSirayeli, ahlangabezana namaFilistiya ukuya kulwa nawo. AmaSirayeli amisa e-Ebhenezere; wona amaFilistiya amisa eAfeki.