1 Samuel 4:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Asuka ama‐Filistiya alwa; baza o‐Sirayeli babetwa, besaba baya abanye ngabanye ezintenteni zabo: kwabako isibulalo esikulu kunene; bada bawa kubo o‐Sirayeli amawaka angamashumi matatu abahamba ngenyawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Alwa ke amaFilisti, awabulala amaSirayeli; asaba ke wona, waya elowo ententeni yakhe; abulawa kakhulu kunene. Kwawa kumaSirayeli amawaka angamashumi amathathu angumqikela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Alwa ke amaFilisti, oyiswa amaSirayeli, abalekela elowo ententeni yakhe; kwabakho ukubulala kakhulu; ngokuba amashumi amathathu amawaka amaSirayeli abulawa ngeenyawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Alwa ke amaFilistiya, awaswantsulisa amaSirayeli, aya kutshona ngezindlu zawo. Kwajub' ugodo kwelo dabi, kwawa amashumi amathathu amawaka amajoni akwaSirayeli.