1 Samuel 4:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yandula yabaleka indoda yakwa‐Benjamine ebandleni, yeza e‐Shilo ngalomini, inengubo zayo ziṙazukile, nomhlaba pezu kwentloko yayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwabaleka indoda yakwaBhenjamin, ivela emkhosini, yafika eShilo kwangaloo mini, iingubo zayo zikrazukile, inomhlaba entloko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwabaleka indoda yakwaBhenjamin, ivela emkhosini, yeza eShilo kwangaloo mini, iingubo zayo zikrazukile, inomhlaba entloko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwabakho mfo uthile wakwaBhenjamin owaxhina ukusuka edabini, waya kugaleleka eShilo kwangaloo mini. Izambatho zakhe zazikrazukile, intloko izele luthuli.