1 Samuel 4:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku, yakufika, bona ke, u‐Heli wahlala pezu kwesihlalo ngasecaleni lendlela, elinda nje; ngokuba intliziyo yake ibingcangcazela ngenxa yetyeya katixo. Yati yakufika indoda leyo, ukuza kuxela esixekweni, sand’ ukukala sonke isixeko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yafika; nanko uEli ehleli esihlalweni ecaleni kwendlela, ebonisela; ngokuba ibigubha intliziyo yakhe ngenxa yetyeya kaThixo. Yafika indoda leyo, yawuxelela umzi; wasitsho isililo wonke umzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekufikeni kwakhe, wabona uEli ehleli esitulweni ecaleni kwendlela waza wakhangela, kuba intliziyo yakhe yayigubha ngenxa yetyeya yoTHIXO oyinyaniso. Ukufika kwale ndoda kuloo dolophana, yashumayela, yaye yonke loo dolophana yalila.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukufika kwaloo mfo uEli wayehleli ecaleni kwendlela, ejonge enkalweni, exhalele ityesi yomnqophiso. Loo ndoda yaziphalaza esixekweni ezo ndaba zimbi, kothuka wonke umntu, yaba sisikhalo sodwa.