1 Samuel 4:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wapendula obeshumayela, wati: o‐Sirayeli besabile pambi kwama‐Filistiya; kanjako bekuko nesibulalo esikulu pakati kwabantu; nonyana bako bobabini, u‐Hofeni no‐Finehasi, babubile nabo; netyeya Katixo yona isusiwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphendula umbiki, wathi, Asabile amaSirayeli phambi kwamaFilisti, kananjalo babulewe kakhulu abantu, kananjalo oonyana bakho bobabini bafile, ooHofeni noPinehasi; ityeya kaThixo ithinjiwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula umthunywa lowo, wathi, Asaba oonyana bakaSirayeli kumaFilisti, kwabakho uxabelo olukhulu ebantwini, bafa oonyana bakho bobabini, uHofeni noPinehasi, yathinjwa ke ityeya kaThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi loo mfo ubhunce edabini ukuphendula: “AmaSirayeli aswantsulisiwe ngamaFilistiya, yaye kufe amaSirayeli amaninzi, noonyana bakho uHofeni noPineyasi baphakathi kwaloo madoda awileyo. Ndithi kuthinjwe nkqu netyesi kaThixo leyo.”