1 Samuel 4:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwabekute, nxa abekankanya ityeya katixo, wandula wawa esihlalweni ngomva, ngasecaleni lesango, yati intamo yake yapuka, wada wafa; ngokuba ebelixego, wayenzima kanjalo. Wayegweba o‐Sirayeli iminyaka yamashumi mane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, akukhankanya ityeya kaThixo, wawa esihlalweni sakhe, eqethuka ngomva ngasecaleni kwesango, waphuka ilungu lentamo, wafa; ngokuba indoda leyo ibiselilixhego; inzima.Yayiwalawula amaSirayeli iminyaka emashumi mane.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi akuthetha ngetyeya yoThixo oyinyaniso, waziphosa esihlalweni esisecaleni kwesango, waza wayaphula intamo, wafa, ngenxa yokuba wayeyindoda endala nenzima. Wawakhokela amaSirayeli iminyaka emashumi mane.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe akuva kukhankanywa netyesi yomnqophiso uEli, waphequka kweso sihlalo sakhe ngasesangweni, wophuka ilungu lentamo, wafa. Kaloku wayeselaluphele, ekwanesiqu. Wayeyinkokheli kwaSirayeli iminyaka engamashumi amane.