1 Samuel 4:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku umolokazana wake, umfazi ka‐Finehasi, wabemiti, waza kuzala; wati akuva indaba zokuba ityeya katixo isusiwe, nokuba ufile usondoda wake, nendoda yake, wandula watoba, wazala, ngokuba inimba zake bezijikajika pakati kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku umolokazana wayo, umkaPinehasi, ebemithi, eza kuzala. Wathi akuziva iindaba zokuthinjwa kwetyeya kaThixo, nezokufa koyise wendoda nokwendoda yakhe, waguqa, wazala;ngokuba yamfikela inimba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku umolokazana wakhe, umkaPinehasi, wayemithi, seleza kuzala; Wathi akuva ukuba ityeya kaThixo ithinjiwe, nokuba uninazala nomyeni wakhe bafile, waguqa, wazala ngokuba intlungu yakhe yamongamela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngelo xesha umolokazana kaEli, umka-Pineyasi, wayekhulelwe, seleza kukhululeka. Wathi ke akuziva iindaba zokuthinjwa kwetyesi yomnqophiso kaThixo, nokuba uyisezala kunye nomyeni wakhe abasekho, wasuka waguqa, wazala. Zamongamela iintlungu zokubeleka.