1 Samuel 4:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Asuka ama‐Filistiya azicwangcisa ngakubo o‐Sirayeli: kwati kwakuba ukulwa bekutwabulukile, o‐Sirayeli bebebetwa pambi kwama‐Filistiya: aza abulala ebandleni ezindle ngati angamawaka mane amadoda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Aza amaFilisti akha uluhlu lokulwa namaSirayeli. Idabi lanwenwezela, abulawa amaSirayeli phambi kwamaFilisti.Kwabulawa eluhlwini ethafeni apho amadoda akumawaka amane.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
AmaFilisti aqalisa ukuba buthathaka nxamnye namaSirayeli, yaye xa ayehlangene edabini, amaSirayeli oyiswa phambi kwamaFilisti; yaye babulala elizweni malunga namawaka amane amagorha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaFilistiya akha uluhlu ukukhawulela amaSirayeli, kwahlanganwa, zanqoza, aswantsuliswa amaSirayeli ngamaFilistiya, kwawa amawaka amane amaSirayeli kwelo dabi.