1 Samuel 4:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kute ngexesha lokufa kwake, bateta abafazi abebemi ngakuye, besiti: Ungoyiki, ngokuba uzele unyana. Kodwa ebengapenduli, ebengabekeli intliziyo yake kanjako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngexesha lokufa kwakhe, abafazi ababemi phezu kwakhe bathetha, bathi, Musa ukoyika, ngokuba uzele unyana.Akaphendula, akakhathala koko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekufeni kwakhe, abafazi ababemi ngakuye bathi kuye, Musa ukoyika; ngokuba uzele unyana. Kodwa akazange aphendule, yaye akazange ayicinge loo nto.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi xa aqhawukayo, abafazi ababembelekisa bathi kuye: “Qina, mfazi; uzele inkwenkwe.” Yena wasuka akaphendula, akabahoya nokubahoya oku.