1 Samuel 4:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bandula bakufika abantu emnqubeni, bati abadala bakwa‐Sirayeli: Kunganina ukuba uyehova usibetile namhla pambi kwama‐Filistiya? Masizizekele e‐Shilo ityeya yocebano lukayehova, ize pakati kwetu, isisindise esandleni sentshaba zetu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Beza abantu eminqubeni, athi amadoda amakhulu akwaSirayeli, Yini na ukuba uYehova asibulale namhla phambi kwamaFilisti?Masiye kuthabatha ityeya yomnqophiso kaYehova eShilo, ibe kuthi, ize phakathi kwethu, isisindise esandleni seentshaba zethu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Afika amadoda eminqubeni, athi amadoda amakhulu akwaSirayeli, Yini na ukuba uYehova esoyise namhlanje phambi kwamaFilisti? Masihambe siye kuthabatha ityeya yomnqophiso kaYehova eShilo, ukuze isihlangule esandleni seentshaba zethu, ukuba ithe yangena phakathi kwethu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukufika kwawo ekampini amajoni asindileyo edabini akhuza amadoda amakhulu, athi: “Ngani ukuba namhlanje *uNdikhoyo asiyekele siswantsuliswe ngamaFilistiya? Masiye kuphuthuma ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo eShilo, ibe lapha phakathi kwethu, khon' ukuze isisindise esandleni seentshaba zethu.”