1 Samuel 4:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, yakufika ityeya yocebano lukayehova emnqubeni, bonke o‐Sirayeli bamemeza ngesimemezo esikulu, wada umhlaba wazanyazanyiswa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, xa ifikayo ityeya yomnqophiso kaYehova eminqubeni, aduma kakhulu onke amaSirayeli, umhlaba wathi ndi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yathi yakufika ityeya yomnqophiso kaYehova enkampini, akhwaza kakhulu onke amaSirayeli, kangangokuba umhlaba waphinda wanyikima.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Atsho ngentlokomakazi enkulu amaSirayeli ukufika kwetyesi yomnqophiso kaNdikhoyo ekampini, watsho wanyikima umhlaba!