1 Samuel 5:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwatunywa ityeya katixo ukuya e‐Hekrone. Kwabekute, yakufika ityeya katixo e‐Hekrone, akala ama‐Hekrone, esiti: Kujikiselwe kum ityeya katixo wo‐Sirayeli, ize ibulale mna nabantu bam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bayithumela ityeya kaThixo e-Ekron. Kwathi, xa ifikayo ityeya kaThixo e-Ekron, bakhala abase-Ekron, besithi, Bayijikele kuthi ityeya yoThixo kaSirayeli, ukuba isibulale thina nabantu bakowethu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kungenxa yoko le nto bayithumela ityeya yoTHIXO oyinyaniso e-Ekron. Ithe yakufika ityeya kaThixo e-Ekron, baduma abemi base-Ekron, bathi, Bazizisile kuthi ityeya yoThixo kaSirayeli, ukuze isibulale thina nabantu bethu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yadluliselwa e-Ekron ityesi yomnqophiso kaThixo. Yathi isafikanje abantu balapho bakhalaza besithi: “Baze kusibulalisa ngalaa tyesi yoThixo wamaSirayeli thina nabantu bethu!”