1 Samuel 5:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Andula atuma ahlanganisa zonke inkosi zama‐Filistiya, ati: Yindululeni ityeya katixo wo‐Sirayeli, ibuyele endaweni yayo, ukuze ingabulali mna nabantu bam: ngokuba bekuko isipitipiti esibulalayo esixekweni sonke; isandla sikatixo besinzima kakulu kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathumela, bazihlanganisa zonke izikhulu zamaFilisti, bathi, Yimkiseni ityeya yoThixo kaSirayeli, ibuyele endaweni yayo, ingasibulali thina, nabantu bakowethu; ngokuba ukuqungaqunga kokufa bekukho kuwo wonke umzi, besinzima kunene isandla sikaThixo khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bandula ke bathumela ukuba bahlanganise zonke iinkosana zamaFilisti baza bathi: “Ityeya yoTHIXO kaSirayeli mayibuyele endaweni yayo, ukuze ingasibulali thina nabantu bakowethu; kuba umzi uphela wawubhuqa; Saye sinzima kunene isandla sikaThixo apho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantu balapho babiza iinkosi zamaFilistiya, babhekisa kuzo bathi: “Sincedeni; yisuseni apha kuthi le tyesi yoThixo wamaSirayeli. Mayibuyele kowayo, hleze isibulale thina nabantu bethu.” Kaloku bonke abantu besixeko babenkwantyisiwe kukufa, kuba uThixo wayebamise kakubi.