1 Samuel 5:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bati abantu abebengafi, babetwa ngamatumba: sada isikalo sesixeko eso senyuka ngasezulwini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abantu abangafanga babethwa ngamathumba; kwenyuka kwaya ezulwini ukuzibika komzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abethwa amadoda angafanga, kwenyuka kwaya ezulwini ukukhala komzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantu abangafanga babethuthunjiswa ngamathumba, senyuka isikhalo sesixeko, sada savakala nasezulwini.