1 Samuel 5:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Xeshekweni amadoda ase‐Ashedode abona ukuba kunje ke, ati: Ityeya katixo wo‐Sirayeli maingahlali nati, ngokuba isandla sake silukuni pezu kwetu, napezu kwo‐Dagone utixo wetu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akubona amadoda aseAshdode ukuba kunjalo, athi, Ityeya yoThixo kaSirayeli mayingahlali kuthi; ngokuba isandla sakhe sinzima phezu kwethu, naphezu koDagon uthixo wethu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akubona amadoda aseAshdode ukuba kunjalo, athi, Ayiyi kuhlala kuthi ityeya yoThixo kaSirayeli, ngokuba isandla sakhe sinzima phezu kwethu, nakuDagon uthixo wethu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Athi amadoda alapho akuqonda le meko: “Le tyesi yoThixo wamaSirayeli mayisuke apha phakathi kwethu. Naku esimise kakubi kunye noDagoni uthixo wethu.”