1 Samuel 5:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako atuma ahlanganisela kuwo zonke inkosi zama‐Filistiya, ati: Siya kwenza nto nina ngetyeya katixo wo‐Sirayeli? Zaye zisiti: Ityeya katixo wo‐Sirayeli maijikele e‐Gate. Asuka ayijikisela kona ityeya katixo wo‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Athumela ahlanganisela kuwo zonke izikhulu zamaFilisti, athi, Siyithini na ityeya yoThixo kaSirayeli? Zathi, Mayijike iye eGati. Ayijika ke ityeya yoThixo kaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathumela ukuba babize zonke iinkosana zamaFilisti, bathi, Siyithini na ityeya yoThixo kaSirayeli? Bathi, Ityeya yoThixo kaSirayeli mayisiwe eGati. Bayingenisa khona ityeya yoThixo kaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwabizwa intlanganiso yeenkosi zamaFilistiya, kwabuzwa kuzo kwathiwa: “Nithi mayithiweni na le tyesi yoThixo wamaSirayeli?” Zaphendula zathi: “Mayisiwe eGati ityesi yoThixo wamaSirayeli.” Yasiwa apho ke.