1 Samuel 5:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, emveni kwokuba ayijikisele kona, isandla sikayehova besingakuso isixeko eso ngesipitipiti esikulu kunene; ngokuba wabeta abantu besosixeko, kwa nabancinane nabakulu, aza ajaduka kubo amatumba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi emveni kokujikwa kwayo, isandla sikaYehova saba phezu kwaloo mzi, sasisaqunge esikhulu kunene; wababulala abantu baloo mzi, kwathabathela kwabancinane kwesa kwabakhulu, bathi gqobhogqobho amathumba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye kwathi, bakuba siwungqingile, isandla sikaYehova saba nxamnye neso sixeko ngentshabalalo enkulu kakhulu; amacandelo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nalapho uNdikhoyo wabamisa kakubi abantu, batsho bazizantanta, wabathuthumbisa ngamathumba, omncinci nomdala ngokufanayo.