1 Samuel 6:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba aba‐Levi batula ityeya kayehova, nekeste ebinayo, leyo impahla zegolide bezikuyo, bazibeka pezu kwelolitye likulu: andula amadoda ase‐Bete‐shemeshe anikela amadini okutshiswa abinga nemibingo ngalomini kuyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
AbaLevi bayithula ityeya kaYehova, netyeya ebinayo inempahla yegolide, bazibeka elityeni elo likhulu. Amadoda aseBhete-shemeshe ke anyusa amadini anyukayo, abingelela imibingelelo ngaloo mini kuYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bayithabatha abaLevi ityeya kaYehova, netyeya ebinayo izihombo zegolide, bayibeka emthini omkhulu; abantu baseBhete-shemeshe banyusa amadini anyukayo nemibingelelo kuYehova ngaloo mini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AbaLevi bayithula ityesi yomnqophiso kunye naloo bhokisi yayinemifuziselo eyenziwe ngegolide, bazibeka phezu kwelo litye likhulu. Abemi baseBhete-shemeshe benzela uNdikhoyo iminikelo kunye namadini atshiswayo.