1 Samuel 6:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nempuku zegolide ngenani lazo zonke izixeko zama‐Filistiya, ezenkosi ezintlanu, kwa nezixeko ezinqatyisiweyo nemizana yapandle, nakude kwakulo ilitye elikulu, elo bahlalisa ityeya kayehova pezu kwalo, elikoyo nanamhla nje entsimini ka‐Yoshuwa um‐Bete‐shemeshe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kunye neempuku zegolide ngokwenani lemizi yonke yamaFilisti yezikhulu ezihlanu, kuthabathela emizini enqatyisiweyo, kuse kwimizana yabasemaphandleni; kuse etyeni elikhulu, abayimisa kulo ityeya kaYehova, lilingqina unanamhla entsimini kaYoshuwa waseBhete-shemeshe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
neempuku zegolide ngokwenani lemizi yonke yamaFilisti, yezikhulu ezihlanu, ezithabathela emizini enqatyisiweyo, nasemizaneni esemaphandleni, zesa etyeni elikhulu lika-Abheli, apho bayibeka khona ityeya kaYehova kuyo. NKOSI elo litye liseleyo unanamhla entsimini kaYoshuwa waseBhete-shemeshe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bathumela kwanemifuziselo yeempuku ezenziwe ngegolide. Impuku nganye yayimele isixeko ngasinye sezo nkosi zintlanu zamaFilistiya, nditsho izixeko ezibiyelweyo kunye neziphaluka zazo. Elo litye lalisentsimini kaYoshuwa waseBhete-shemeshe lisemi apho unanamhla oku, libubungqina bento eyehla apho.