1 Samuel 6:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wabeta amadoda ase‐Bete‐shemeshe, ngokokuba ebekangele etyeyeni kayehova; wabeta ke pakati kwabantu amadoda angamashumi asixe̔nxe, n amadoda angamawaka angamashumi mahlanu. Basuka abantu balila, ngokuba uyehova ebetile pakati kwabantu ngesibulalo esikulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabetha emadodeni aseBhete-shemeshe, ngokuba ayikhangakhangelayo ityeya kaYehova; wabulala ebantwini abo amadoda angamashumi asixhenxe emadodeni angamawaka angamashumi amahlanu. Benza isijwili abantu, ngokuba uYehova ebabulele abantu ngobulalo olukhulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wababulala abantu baseBhete-shemeshe, ngenxa yokuba babesiya engxoweni kaYehova, ewe, wabulala amadoda angamashumi amathandathu anesihlanu; ukubulala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wababetha abemi baseBhete-shemeshe, kwafa abangamashumi asixhenxe, kuba kaloku basuka bayijonga ityesi yomnqophiso. Kwazilwa ngabemi balapho, kuba uNdikhoyo ebhubhise abantu abaninzi kangaka.