1 Samuel 6:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aza ati: Lilipina idini letyala esiya kulibuyisela kuye? Baye besiti: Ngamatumba amahlanu egolide, nempuku ezintlanu zegolide, ngenani lenkosi zama‐Filistiya: ngokuba sisibeto sinye esasipezu kwenu nonke, napezu kwenkosi zenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Athi, Liyintoni na idini letyala esolibuyisela kuye? Bathi, Lingamathumba egolide amahlanu, neempuku zegolide ezintlanu, ngokwenani lezikhulu zamaFilisti; ngokuba sinye isibetho kuni nonke, nakwizikhulu zenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Athi, Liyintoni na idini letyala, silibuyisele kuye? Aphendula athi, Zintlanu iinyosi zegolide, neempuku zantlanu zegolide, ngokwenani lezikhulu zamaFilisti;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abuza amaFilistiya athi: “Ingakhatshwa ngantoni na yokungxengxezela ityala?” Bathi ukuphendula ababingeleli: “Kaloku kufuneka niyikhaphe ngamathumba amahlanu awenziwe ngegolide, kunye neempuku ezintlanu ezenziwe ngegolide; inye kwezo nto imele inkosi yamaFilistiya nganye. Kaloku nonke nabethwa ngobhubhani ngokufanayo kunye neenkosi zenu zontlanu.