1 Samuel 7:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Asuka eza amadoda ase‐Kiriyate‐yarime, enyuka nayo ityeya kayehova, ayingenisa endlwini ka‐Abinadabi e‐Gibeha; no‐Elezari, unyana wake, amngcwalisa ukuba agcine ityeya kayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Eza amadoda aseKiriyati-yeharim, ayinyusa ityeya kaYehova, ayizisa endlwini ka-Abhinadabhi, endulini, angcwalisa uElazare, unyana wakhe, ukuba ayigcine ityeya kaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Eza amadoda aseKiriyati-yeharim, ayithabatha ityeya kaYehova, ayisa endlwini ka-Abhinadabhi endulini, anyula uElazare, unyana wakhe, ukuba ayigcine ityeya kaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abemi baseKiriyati-yarim baya kuyiphuthuma ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo, bayisa emzini ka-Abhinadabhi owawusendulini. Bamisela uElazare, unyana waloo mfo, ukuba ibe nguye ogcina ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo.