1 Samuel 7:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, akuba u‐Samyali ebenikela elodini lokutshiswa, ama‐Filistiya asondela ukulwa no‐Sirayeli: kodwa uyehova wadudumisa ngodudumo olukulu ngalomini pezu kwama‐Filistiya, wawapitizelisa; ada oyiswa pambi kwo‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, xa uSamuweli alinyusayo idini elinyukayo, amaFilisti asondela, esiza kulwa namaSirayeli. UYehova wadudumisa ngezwi elikhulu loo mini kumaFilisti, wawaqungaqunga; abulawa phambi kwamaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi, xa uSamuweli wayezisa idini elinyukayo, amaFilisti asondela ukuba alwe noonyana bakaSirayeli; boyiswa ngamaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kanye xa uSamweli wayesenza elo dini, asondela amaFilistiya, elungiselela ukuhlasela amaSirayeli. Kuthe kanye ngoko kwavakala ukuzongoma kukaNdikhoyo, kusiza ngakumaFilistiya, atsho adideka, awabaleka amaSirayeli.