1 Samuel 7:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wabuyela e‐Rama; ngokuba ibikona indlu yake; nakona wagweba o‐Sirayeli; waka nakona isibingelo kuyehova kanjalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ebuyela eRama, ngokuba yayikhona indlu yakhe. Wawalawula nakhona amaSirayeli, wakha isibingelelo kuYehova khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waye ebuyela eRama; ngokuba indlu yakhe ibikhona; wabawisela umthetho oonyana bakaSirayeli khona; wamakhela khona isibingelelo uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukusuka apho wayegoduka aye eRama, apho wayefika alamle nakhona. Apho eRama kulapho wakha iqonga lokwenzela uNdikhoyo amadini.