1 Samuel 7:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWAYE kute, nxa ityeya yabisahlala e‐Kiriyate‐yarime, yakuba imihla isel’ imininzi; ngokuba ibiyiminyaka ingamashumi mabini; yandula yonke indlu ka‐Sirayeli yalila emva kwoyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, ihleli eKiriyati-yeharim apho ityeya, zanda iintsuku, zayiminyaka emashumi mabini; yamlandela uYehova ngesimema yonke indlu kaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ithe iseKiriyati-yeharim ityeya, zanda iintsuku; kuba yaba yiminyaka engamashumi amabini, yaye yonke indlu kaSirayeli yamzilela uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yahlala ithuba elide ityesi yomnqophiso *kaNdikhoyo eKiriyati-yarim. Yaba ngamashumi amabini eminyaka ilapho. Ngelo xesha onke amaSirayeli ayezibika kuNdikhoyo ukuba awancede.