1 Samuel 7:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Samyali wateta kuyo yonke indlu ka‐Sirayeli, esiti: Ukuba niyabuyela kuyehova ngayo yonke intliziyo yenu, kwelelisani otixo basemzini pakati kwenu, no‐Hashetorete, nibekise intliziyo yenu kuyehova, nimkonze yena yedwa; waeya kunihlangula esandleni sama‐Filistiya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke uSamuweli kwindlu yonke kaSirayeli, Ukuba nibuyela kuYehova ngentliziyo yenu yonke, basuseni ke phakathi kwenu oothixo bolunye uhlanga nooAshtaroti, nizimise iintliziyo zenu kuYehova, nikhonze yena yedwa: wonihlangula ke esandleni samaFilisti.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathetha uSamuweli kwindlu yonke kaSirayeli, wathi, Xa nithe nabuyela kuYehova ngeentliziyo zenu zonke, basuseni phakathi kwenu oothixo bolunye uhlanga, noAshtaroti, nizimise iintliziyo zenu kuYehova, nikhonze yena yedwa uya kunihlangula esandleni samaFilisti.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke uSamweli wathi kwindlu yonke kaSirayeli: “Ukuba ngenene nibuyele kuNdikhoyo ngentliziyo epheleleyo, kufuneka nahlukane *noothixo basemzini bonke, nilahle nemifanekiso yothixokazi uAshtaroti. Kufuneka nizimisele nizinikele kuNdikhoyo ngokupheleleyo, nikhonze yena yedwa. Yena ke wonihlangula esandleni samaFilistiya.”