1 Samuel 7:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza bahlanganiselwa e‐Mitsipa, baka amanzi, bawatulula pambi kwoyehova, bazila ukutya ngalomini, bati kona: Sonile ngakuye uyehova. Waye u‐Samyali wagweba usapo luka‐Sirayeli e‐Mitsipa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ahlanganiselana eMizpa, akha amanzi, awaphalaza phambi koYehova, azila ukudla ngaloo mini, athi khona, Sonile kuYehova. Wabalawula uSamuweli oonyana bakaSirayeli eMizpa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bahlanganisana eMitspe, bakha amanzi, bawagalela phambi koYehova, bazila ukudla ngaloo mini, bathi, Sonile kuYehova. uSamuweli wabawisela umthetho oonyana bakaSirayeli, ukuba beze eMitiva.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwayiwa ke eMizpa kuloo mbizo, kwakhiwa amanzi, aza aphalazwa, kusenziwa umnikelo kuNdikhoyo. Kwakuzilwe imini yonke, abantu besithi: “Sinetyala kuNdikhoyo.” (NguSamweli owaba yinkokheli yamaSirayeli eMizpa.)