1 Samuel 7:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Samyali watabata imvana nye eyanyayo, wayinikela ipela ibe lidini lokutshiswa kuyehova: waye u‐Samyali wakalela o‐Sirayeli kuyehova; wati uyehova wampulapula.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USamuweli wathabatha itakane elanyayo, walinyusa lalidini elinyukayo lonke liphola kuYehova. Wakhala uSamuweli kuYehova ngenxa yamaSirayeli; uYehova wamphendula.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uSamuweli wathabatha itakane elanyayo, wenza ngalo umbingelelo otshiswayo ngokupheleleyo kuYehova, waza uSamuweli wabiza kuYehova ngenxa yoSirayeli; wamva uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USamweli wathatha itakane, wenzela uNdikhoyo ngalo idini elitshiswayo lilonke. Wacelela amaSirayeli uncedo kuNdikhoyo, weviwa nguNdikhoyo umthandazo wakhe.