1 Samuel 8:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti: Eli loba lisiko lokumkani oya kupata ubukumkani pezu kwenu: Onyana benu uya kubatabata, abamisele ukuba babe ngabantu benqwelo zake, nabakweli bake bamahashe; nokuba babaleke pambi kwenqwelo zake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Lilo eli isiko lokumkani oya kuba ngukumkani kuni:Oonyana benu uya kubathabatha abamisele yena ezinqwelweni zakhe zokulwa, nasemahasheni akhe akhwelwayo, babaleke phambi kwenqwelo yakhe;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wahlabela mgama wathi: “Nantsi indlela yokumkani oya kunilawula: Wobathabatha oonyana benu, abanikele kuye iinqwelo zakhe zokulwa, nabamahashe bakhe; yaye abanye baya kusaba phambi kweenqwelo zakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wathi: “Ukumkani oya kunilawula uya kwenjenje: Woseka umkhosi ngoonyana benu. Abanye wobenza umkhosi weenqwelo, abanye babe ngumkhosi okhwela amahashe, abanye bagijime ngaphambi kwenqwelo yakhe.