1 Samuel 8:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uya kutabata izicaka zenu, nezicakakazi zenu, namadodana enu amahle, namaqwaṙashe enu, azenze zibe semsebenzini wake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abakhonzi benu uya kubathabatha, nabakhonzazana benu, namadodana enu, namaesile enu, enze umsebenzi wakhe;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Izicaka zenu nezicakakazi zenu uya kubathabatha, amadodana enu amahle, namaesile enu, enze umsebenzi wakhe ngawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Izicaka nezicakakazi zenu, neenkabi zenu, ezona zintle, kwakunye needonki zenu, wozithimba zisebenzele yena.