1 Samuel 8:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa onyana bake abahamba endleleni zake, batyekela emva kwenzuzo ekohlakeleyo, bawamkela amabaso, batyekisa ugwebo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Oonyana bakhe abahambanga ngendlela yakhe, banabela inzuzo embi, bamkela izicengo, basijika isigwebo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oonyana bakhe abahambanga ngeendlela zakhe, kodwa baphambuka emva kwengeniso baza bamkela izinyobo yaye basigqwetha isigwebo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke bona babengamfuzanga uyise; bona babesemva kwenzuzo ngobuqhetseba, bengamathanda-kunyotywa, belamla ngesheyi.