1 Samuel 8:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti uyehova ku‐Samyali: Pulapula ilizwi labantu ngako konke abakutetayo kuwe: ngokuba bengalahlanga wena, koko belahlile mna, ukuze ndingabi ngukumkani pezu kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuSamuweli, Liphulaphule izwi labantu entweni yonke abayithethayo kuwe; ngokuba ingenguwe abamgibileyo, bagibe mna, ukuze ndingabi ngukumkani kubo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuSamuweli, Liphulaphule izwi labantu entweni yonke abaya kuyithetha kuwe; ngokuba ingenguwe lo ubagatyileyo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
waza wathi kuye uNdikhoyo: “Bek' iindlebe uyiphulaphule into abayithethayo aba bantu. Ababukuli wena; ndim lo bangamfuniyo ukuba abalawule.