1 Samuel 9:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zabapendula, zati: Uko; nanku epambi kwenu: nxama kaloku, ngokuba efikile namhla esixekweni; ngokuba kuko namhla umbingo wabantu endaweni epakamileyo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabaphendula, wathi, Ikho, nantso phambi kwenu; khawulezani ngoku, kuba ifike namhlanje kulo mzi, ngokuba abantu banombingelelo namhla esigangeni;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baphendula bathi kubo, Ukhona; niyabona, uphambi kwenu; khawulezani, ngokuba ifikile namhlanje kulo mzi; kuba namhlanje kukho umbingelelo wasesidlangalaleni endaweni ephakamileyo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zathi ezo ntombi: “Ewe, ikhona. Yandulela nina. Khawulezani. Isandul' ukufika namhlanje apha edolophini. Ize kulaa msebenzi wokwenza idini phaya endulini.