1 Samuel 9:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nxa ningene esixekweni, seniya kumfumana, engekanyukeli endaweni epakamileyo ukuya kutya: ngokuba abantu bengayi kutya ade afike yena; ngokuba nguye otamsanqelayo umbingo; emveni kwoko bayatya abamenyiweyo: ngako kaloku nyukani, ngokuba malunga nelixesha niya kumfumana.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
xa ningena kulo mzi, noyifumana ingekenyuki iye kudla esigangeni; kuba abayi kudla abantu ingekafiki; ngokuba usikelelwa yiyo umbingelelo, baze badle emveni koko abamenyiweyo; nyukani ngoku, ngokuba noyifumana ngoku. Benyuka ke baya kuloo mzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ekungeneni kwenu esixekweni, noyifumana kwaoko ingekanyuki iye kudla endaweni ephakamileyo; ngokuba abayi kudla abantu, ingekafiki, wawusikelela umbingelelo; baza emva koko badla abo babemenyiwe. Ngoko sukuma ngoku; ngokuba niya kumfumana ngeli xesha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba niyasukela, noyifumana ingekanyuki phaya kulaa nduli ukuya kutya. Akusayi kutya bani ingekafiki yona. Kaloku kufuneka idini lisikelelwe yiyo kuqala, bandule abamenyiweyo ukutya. Sukelani ke, ningaphozisi maseko; noyifumana.”