1 Samuel 9:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Malunga nelixesha langomso ndiya kutuma kuwe indoda yasezweni lakwa‐Benjamine, oya kuyitambisa ibe yinkosi pezu kwabantu bam o‐Sirayeli, ukuze isindise abantu bam esandleni sama‐Filistiya: ngokuba ndibonile abantu bam; ngokuba ukukala kwabo kufikile kum.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngeli xesha ngomso, ndiya kuthumela kuwe indoda yasezweni lakwaBhenjamin, ukuze uyithambise, ibe yinganga yabantu bam amaSirayeli, ibasindise abantu bam esandleni samaFilisti;ngokuba ndibabonile abantu bam; kuba ukukhala kwabo kufikile kum.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngeli xesha ngomso, ndiya kuthumela kuwe indoda yasezweni lakwaBhenjamin, iyithambise, ibe yinganga yabantu bam amaSirayeli, ibasindise abantu bam esandleni samaFilisti; kuba ndiyibonile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Malunga neli xesha kanye ngomso ndiza kuthumela kuwe umfana ovela kwelakwaBhenjamin. Uze umthambise abe ngumlawuli wabantu bam amaSirayeli. Iza kuba nguye oya kubakhulula kumaFilistiya. Ndiyibonile inkxwaleko yabantu bam, ndasiva nesikhalo sabo.”