1 Samuel 9:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Samyali wampendula u‐Saule, wati: Mna ndingumboni; nyuka pambi kwam ukuya endaweni epakamileyo; ngokuba niya kutya nam namhla, ndandiya kukundulula kusasa, ndikuxelele konke okusentliziyweni yako:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USamuweli wamphendula uSawule, wathi, Ndim imboni; nyuka phambi kwam uye esigangeni, nidle nam namhla, ndikundulule ngomso, ndikuxelele konke okusentliziyweni yakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uSamuweli wamphendula uSawule, wathi, Ndiyimboni; Mtsalele phambi kwam enyangweni; ngokuba namhlanje uya kudla nam, ndikukhulule ngomso, ndikuxelele konke okusentliziyweni yakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uphendule ngelithi uSamweli: “Ndim loo mboni. Hambani apha phambi kwam, siye phaya kulaa ndawo kunqulelwa kuyo, nidle kunye nam namhlanje. Loo nto nize ngayo ndoyichaza ngomso, ndinikhulule ke, nihambe.