1 Samuel 9:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
namaqwaṙashekazi, lawo akulahlekileyo kuse kuyimihla mitatu, ungabekeli wona intliziyo yako, ngokuba selefunyenwe: kanjalo lukubanina lwonke unqwenelo lwo‐Sirayeli? alukuwe na nakuyo yonke indlu yoyihlo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke iimazi zamaesile esekuntsuku ntathu namhla zikulahlekile, musa ukuyibekela kuzo intliziyo yakho; ngokuba zifunyenwe. Kokukabani na konke okunqwenelekayo kwaSirayeli?Asikokwakho na, nokwendlu yonke kayihlo?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke iimazi zamaesile esekuntsuku ntathu namhla zikulahlekile, uze ungakhathali kuzo; ngokuba bafunyenwe. Ziphezu kabani na zonke izinto ezinqwenelekayo zakwaSirayeli? Ayikho kuwe nakuyo yonke indawo endlwini yakho?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Musani kuba sazikhathaza ngeedonki eziyâ bezilahlekile izolo elinye; sezifunyenwe. Ngubani na oza kuzuza elona wonga kwaSirayeli? Asinguwe na nomzi kayihlo uphela?”