1 Samuel 9:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wapendula u‐Saule wati: Andingum‐Benjamine na, owesincinane sezizwe zo‐Sirayeli? nesizalwane sam asisesincinane na ngapezu kwazo zonke izizalwane zesizwe sika‐Benjamine? kunganina ke ukuba utete kum ilizwi elinjalo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphendula uSawule, wathi, AndingumBhenjamin yini na, wesizwe esincinanana kwaSirayeli? Nomzalwane wakowethu awuphantsi na emizalwaneni yonke yesizwe sakwaBhenjamin? Yini na ukuba uthethe ilizwi elinje kum?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula uSawule, wathi, AndingumBhenjamin yini na, oyena mncinane kwizizwe zakwaSirayeli? nesizukulwana sam esincinane kwizizukulwana zonke zesizwe sakwaBhenjamin? Khona kutheni uthetha nam ngolohlobo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USawule uthe ukuphendula: “Mna ndingowakwaBhenjamin, esona sizwe sincinane kwaSirayeli, yaye nabesiduko sakowethu ngowona mzi uphantsi kweso sizwe. Kungani na ukuba uthethe nam ngolu hlobo?”