1 Samuel 9:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Samyali watabata u‐Saule nesicaka sake, wabangenisa enkambilini, wabanika indawo engapezulu pakati kwabamenyiweyo, abangati bangamadoda amashumi matatu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USamuweli wamthabatha uSawule nomfana lowo, wabangenisa egumbini, wabanika indawo yobukhulu phakathi kwabamenyiweyo abo, bengamadoda akumashumi amathathu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uSamuweli wamthabatha uSawule nomfana lowo, wabangenisa egumbini lokuhlala, wababeka kweyona ndawo iphakamileyo phakathi kwabamenyiweyo, bekumashumi amathathu abantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USamweli wabangenisa ooSawule nesicaka sakhe egumbini elikhulu, wabahlalisa ezihlalweni zabona bahloniphekileyo phambi kwezinye iindwendwe ezimenyiweyo ezazimalunga namashumi amathathu.