1 Samuel 9:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bavuka ke kusasa: kwaye kute ngasekupumeni kwesitingo, wandula u‐Samyali wambiza u‐Saule eze pezu kwendlu esiti: Suka, ukuba ndikundulule. Wesuka ke u‐Saule; baza bapuma bobabini, yena no‐Samyali, baya ngapandle.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bavuka kusasa; kwathi, xa kunyuka isifingo, uSamuweli wamemeza kuSawule phezu kwendlu, esithi, Vuka, ndikugoduse.Wavuka uSawule; baphuma baya phandle bobabini, yena noSamuweli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bavuka kusasa, uSamuweli wabiza uSawule phezu kwendlu, wathi, Vuka, ndikushiye. Wagqitywa ke uSawule, baphuma bobabini, yena noSamuweli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuthe ekuseni uSamweli waya kuvusa uSawule kulaa ndawo wayelele kuyo, wathi: “Vuka ngoku, ndikukhulule uhambe.” Wavuka uSawule. Baphuma kunye noSamweli.