1 Samuel 9:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa babehlela esipelweni sesixeko, wati u‐Samyali ku‐Saule: Xelela isicaka sako ukuba sidlule pambi kwetu, (sadlula ke,) kodwa wena yima kaloku, ukuze ndikuvise ilizwi likatixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Behlile, baya ekupheleni komzi, wathi uSamuweli kuSawule, Yitsho kumfana lo agqithele phambi kwethu (wagqitha ke);khawume wena ngoku, ndikuvise ilizwi likaThixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi, behla baya ekupheleni komzi, wathi uSamuweli kuSawule, Yitsho kumfana lowo, ukuba ahambe phambi kwethu (wasa ke yena), khawume ithutyana, ndithethe kuwe ilizwi likaYehova uThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bathe xa bengasekuphumeni kwedolophu, wathi uSamweli kuSawule: “Yithi kwesi sicaka sakho masikhe sibe sihamba phambili.” Sahamba ke isicaka, waza ke uSamweli waqhuba wathi: “Khawuthi xha nje kancinci khe ndikuxelele udaba oluvela kuThixo.”