1 Samuel 9:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wasuka wacanda entabeni yakwa‐Frayime, wacanda naselizweni le‐Shalisha, kodwa abawafumana; baza bacanda elizweni le‐Shahalime, kodwa ebengeko kona; wacanda nasezweni lakwa‐Benjamine, kodwa abawafumana.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wacanda kweleentaba lakwaEfrayim, wacanda nasezweni laseShalisha; abazifumana. Wacanda nasezweni laseShahalim, azabakho; wacanda nasezweni lakwaBhenjamin, abazifumana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wahamba waya kweleentaba lakwaEfrayim, wacanda ilizwe laseSalisa, abawabona; balityhutyha ilizwe laseSalem, nalapho zazingekho; yaye walityhutyha ilizwe loonyana bakaBhenjamin, kodwa abazange bababone.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Banduluka ke abafana, bacanda kwaEfrayim kweleenduli, bawutyhutyha nommandla waseShalisha, abazifumana noko. Bajika baya kucanda nakummandla waseShalim, nalapho abazibona. Babuya bawutyhutyha ummandla wakwaBhenjamin, kodwa nalapho azabikho.