1 Samuel 9:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Saza sati kuye: Bona ke, kuko indoda katixo kwesisixeko, eyindoda ebekekileyo; konke ikutetayo kuza kuhla ngenyaniso: kaloku masiye kona; kungaba iya kusixelela indlela yetu, esinge sihamba kuyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke yena kuye, Uyabona ke, kulo mzi kukho umntu kaThixo; ngumntu ozukileyo; konke akuthethayo kuyenzeka ngenene. Makhe siye khona ke, mhlawumbi angasibonisa indlela yethu esohamba ngayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ke yena kuye, Uyabona, kulo mzi kukho umntu kaThixo; yonke into ayithethayo iyenzeka; masiye khona ngoku; mhlawumbi angasibonisa indlela emasihambe ngayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Sithe isicaka: “Khawume! Apha kule dolophu kukho umfo wakwaThixo ohlonitshwe kakhulu nothi akuzithetha izinto zibe njengoko atshiloyo. Makhe siye kuye; mhlawumbi ke nathi angasibeka emkhondweni.”