1 Samuel 9:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Saule wati kwisicaka sake: Pofu, bona ke, sisiya nje, yinto nina esiya kuyizisa kulondoda? ngokuba isonka sigqibekile ezityeni zetu; aliko nebaso lokuba silizise kwindoda katixo: yinto nina esinayo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uSawule kumfana lowo, Yabona, sihamba nje, siya kumnika ntoni na umntu lowo? Kuba isonka siphelile empahleni yethu; akukho sipho singasisa kumntu kaThixo. Into esinayo yintoni na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uSawule kumfana lowo, Yabona, sihamba nje, siya kumphathela ntoni na? ngokuba isonka esisezimbizeni zethu siphelile; akukho sathabatha singasisela umfo wakwaThixo into esinayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USawule uthe: “Mfondini, uthi siya kumnika ntoni? Asisenamphako nasezingxoweni; asinanto sinayo konke esingamnikayo umfo wakwaThixo lo. Ngaba sinento esinayo na?”