1 Thessalonians 1:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kuba ivangeli yetu ibingezanga kuni emazwini odwa, koko yezayo nasemandleni, na kumoya oyingcwele, nasekuqiniseni okuninzi; kwa njengokuba nisazi ukuba saba ngabanjanina pakati kwenu ngenxa yenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba iindaba ezilungileyo zethu azibangakho kuni ngantetho yodwa; zabakho nangamandla, nangoMoya oyiNgcwele, nangenkoloseko enkulu, njengoko naziyo ukuba saba ngabanjani na phakathi kwenu ngenxa yenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kaloku iindaba ezimnandi endaniphathela zona azizange zibekho kuni ngantetho yodwa; njengokuba nisazi ukuba sasinjani na phakathi kwenu ngenxa yenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku iindaba ezimnandi endaniphathela zona yayingengomlomo nje qha, koko ndazizisa ngamandla kaMoya oyiNgcwele, ndiqhutywa kukoyiseka bubunyaniso bazo. Niyayazi indlela endandiziphethe ngayo ngokuya ndandilapho phakathi kwenu. Yonke loo nto yayikukulungiselela nina.