1 Thessalonians 1:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba kwa kuni livakalisiwe ilizwi lenkosi kungekuyo i‐Masedoniya ne‐Akaiya yodwa, koko nakuzo zonke indawo inkolo yenu engakuye utixo ipumile; side singafaneli tina ukuteta into.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba lahlokoma livela kuni ilizwi leNkosi, akwaba khona kwelaseMakedoni nelaseAkaya lodwa; kusuke ezindaweni zonke ukukholwa kwenu kuThixo kwaduma, ngokokude kungabi safuneka ukuba sithethe nto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kaloku lahlokoma livela kuni ilizwi leNkosi, akwaba khona kwelaseMakedoni nelaseAkaya lodwa, kusuke nakwiindawo zonke ukukholwa kwenu kuThixo; ngokokude singabi sathetha nto.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuba kaloku udaba lweNkosi lwahlokoma luphuma kuni, alwaya eMakedoni naseAkaya kuphela, koko iindaba zokukholwa kwenu kuThixo zihlwayeleke kuyo yonke indawo, kangangokuba akusekho mfuneko yakuba sichaze nto thina.