1 Thessalonians 2:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngenxa yoku siyabulela kutixo nati singayeki, ukuba nakulamkela kuti ilizwi lentshumayelo, e likatixo, nalamkela lalingelilizwi labantu, koko, njengokuba linjalo ngenyaniso, lalililizwi likatixo, eliti kanjako lisebenze kuni nikolwayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa yoko, nathi siyabulela kuye uThixo singayeki, okokuba nathi, ukulamkela ilizwi likaThixo lodaba kuthi, analamkela lililizwi labantu; nalamkela, njengokuba kunjalo okwenyaniso, lililizwi likaThixo elisebenzayo nokusebenza kuni bakholwayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa yoko nathi siyabulela kuye uThixo singayeki, ukuba nathi, ukulamkela ilizwi likaThixo lodaba kuthi, analamkela lililizwi labantu; nalamkela njengokuba kunjalo okwenyaniso, lililizwi likaThixo elisebenzayo nokusebenzayo, nakuni bakholwayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nasi esinye isizathu esibanga ukuba ndingaphezi ukumbulela uThixo: nathi sakuba siniphathele udaba lukaThixo, nalwamkela. Analwamkela ngokodaba nje lwabantu, koko nalwamkela njengoko lunjalo, lulilizwi likaThixo elisebenzayo kuni nina nikholwayo.