1 Thessalonians 2:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba nina, bazalwana! naba ngabalandeli bazo iṙemente zikatixo ezise‐Judeya ku‐Kristu Yesu, ekubeni nani naziva intlungu ezikwa zizo ngabesizwe sakowenu, njengokuba bona nabo bezivile ngama‐Juda:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba nina, bazalwana, naba ngabaxelisa amabandla kaThixo akwelakwaYuda, akuKristu Yesu; ngokuba neva kwaobo bunzima nani ngabesizwe sakowenu, babuvayo nabo ngokwabo kuwe amaYuda;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba nani, bazalwana, naba ngabaxelisa amabandla kaThixo akwelakwaYuda, akuKristu Yesu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nani mawethu, niphatheke ngohlobo awayephatheke ngalo amabandla akwaJuda, abantu bakaThixo abamanywe noYesu Krestu. Nani nitshutshiswa ngamawenu kanye ngalaa ndlela bona babetshutshiswa ngayo ngamaJuda,